1 Mkhumbule uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho,ngoku ingekafiki imihla yeenkathazo,ingekasondeli neminyaka apho uya kuthi: “Akukho nto imnandi ekudleni ubomi.”
2 Ngelo thuba ke ukukhanya kwelanga, inyanga, neenkwenkwezi, kosuka kufiphale kuwe,nezulu lihlale lisibekele ngathi kungemva kwemvula.
3 Iingalo zakho ebezikukhusela ziya kuba nomkhinkqi;ngokunjalo nale milenze yakho yomeleleyo okwangoku iya kuba nengevane.Uya kuba ungasenako ukuhlafuna, kuba amazinyo embalwa,namehlo selemfiliba, ungasaboni kakuhle.
4 Iindlebe ziya kuba sezixinene, ungabi sayiva nengxolo esesitalatweni,nditsho nesandi selitye lokusila.Uya kuvuka kusasa zisantyiloza iintaka,noxa kungasekho nayiphi na ingoma onokuyiva.
5 Ngelo xesha uya kuzoyika iindawo eziphakamileyo,ngokunjalo uziphephe iingozi ezitalatweni.Iinwele zakho zosuka zibe mhlophe oku kom-amangile otyatyambileyo,nasekuhambeni ungabi nako nokuzirhuqa oku,ke yona iminqweno ingabi nako ukuvuseleleka.Kaloku umntu uhlalelwe kukuhambaaye ekhayeni lakhe laphakade,abazili behle benyuka ezitalatweni.
6 Ewe kaloku, umxokelelwana wesiliva uya kushunquka,nesibane segolide siwe saphuke;ukanti ke nentambo phaya equleni iya kuqhawuka,nomphanda utsho ukroboke.