5 ndalima izitiya, ndenza nemiyezo, kuyo ndatyala zonke iintlobo-ntlobo zeziqhamo.
6 Ndemba ndenza amadama ukuze ndinkcenkceshele loo mithi isahlumayo.
7 Ndandizithengela amakhoboka angamadoda nabhinqileyo, kwada kwakho namakhoboka azalelwa emzini wam. Ndandinemihlambi emininzi yeenkomo nempahla emfutshane ngaphezu kweyabo bonke abakhe bahlala ngaphambi kwam eJerusalem.
8 Ndaqokelela imfumba yesiliva negolide, ndiyithatha kwindyebo yookumkani abaphantsi kwam, namazwe endiwalawulayo. Ndandineekwayala zokundonwabisa – amadoda nabantu ababhinqileyo. Kananjalo ndandinabafazi abaninzi ngokomnqweno wentliziyo yam.
9 Ewe, ndandisisikhulu, ndimkhulu kunabo bonke abakhe bema eJerusalem ngaphambi kwam. Ngalo lonke eli xesha bendincedwa bubulumko bam.
10 Yonke into endandiyinqwenela ndandiyifumana,kungekho nasiyolo sakha sandiphosa.Ndandineqhayiya, ndizidla ngayo yonke imizabalazo yam;lowo yaba ngumvuzo wam ngoko kubulaleka.
11 Ndathi ke ndakuwuphonononga wonke umsebenzi wezandla zam nokubulaleka endibulaleke ngako,ndafumanisa ukuba yonke loo nto ngamampunge nje,yimfeketho enjengokusukelana nomoya.Ewe, akukho nzuzo apha phantsi kwelanga.