8 Nanko umntu ohlala yedwa, kungekho owesibini:akananyana namntakwabo,kodwa uxhabashile, uyasebenza engaphezi;noxa kunjalo amehlo akhe akaneliswa bubutyebi bakhe.Ude athi: “Ngubani endibulalekela yena,ndide ndizivimbe ulonwabo kangaka?”Ewe, nale into ngamampunge;ngumzamo ophuthileyo!
9 Kungcono abasebenzi babe babini kunokuba abe mnye, kuba baba nengeniso eyiyo ngomsebenzi wabo.
10 Kaloku xa omnye ethe wawa omnye unokuphakamisa ugxa wakhe. Mawoo ke lowo uyedwa xa athe wawa! Akukho bani unokumphakamisa.
11 Ewe, xa ababini belala ngangubo-nye abagodoli. Kodwa ke kunzima ukufudumala xa ulele wedwa.
12 Oyedwa uyagaganyelwa, kodwa ababini banako ukumelana nohlaselo. Intsontelo ephindwe kathathu iqhawuka nzima.
13 Endaweni yokumkani owalupheleyo osisityhakala esingeva nacebiso lilunge kanye igatyana lomfana olihlwempu xa enobulumko,
14 nangona angade abe wazalelwa ebuhlwempini phantsi kwaloo kumkani. Ewe, usenokuphuma nasentolongweni abe ngukumkani alawule.