10 Umntu oyinyolukeleyo imali soze imanelise;kanti ke noxhinele ubutyebi akaze aneliswe yingeniso yakhe.Nale ke into ngamampunge.
11 Yakukhula ingeniso bayanda nabaxhomekeke kuyo,ibe yintoni ke ezuzwa ngumniniyo?Kuphela uyitya ngamehlo!
12 Umntu ophangelayo ulala athi yoyi,noba utya kancinci, okanye ke uyahlutha.Ke bona ubunewu-newu besityebi busitsho siphuthelwe.
13 Apha phantsi kwelanga ndibone ububi obungcungcuthekisayo:umntu angaziqwebela ubutyebi, busuke benzakalise kwayena mnikazi wabo!
14 Omnye ke ufumba ubutyebi, alahlekelwe bubo ngenxa yentlekele,ze ke unyana ozelwe nguye angabi nanto ezandleni.
15 Mhla wavela umntu uzalwa ngunina ezé;mhla andulukayo uhamba kwangolo hlobo eze ngalo.Kuko konke ukubulaleka kwakhe umntu apha emhlabeniumka engaphathanga nto ngesandla sakhe.
16 Ewe ngenene, ibuhlungu le meko!Umntu umka eyiloo nto ebefike eyiyo.Kumncede ntoni ke ukusebenzela ilize?