8 Sukumangaliswa xa ubona abantu abahlelelekileyo becinezelwa, bengazelelelwa kummandla othile, bengenzelwa ubulungisa nokufanelekileyo. Kaloku igosa ngalinye livelelwa lelinye, aze ke xa ewomabini avelelwe ngamanye angentla kuwo.
9 Kambe ke ilizwe lilungelwa yinto yonke xa ukumkani enyamekela ukulinywa kwamasimi akhe.
10 Umntu oyinyolukeleyo imali soze imanelise;kanti ke noxhinele ubutyebi akaze aneliswe yingeniso yakhe.Nale ke into ngamampunge.
11 Yakukhula ingeniso bayanda nabaxhomekeke kuyo,ibe yintoni ke ezuzwa ngumniniyo?Kuphela uyitya ngamehlo!
12 Umntu ophangelayo ulala athi yoyi,noba utya kancinci, okanye ke uyahlutha.Ke bona ubunewu-newu besityebi busitsho siphuthelwe.
13 Apha phantsi kwelanga ndibone ububi obungcungcuthekisayo:umntu angaziqwebela ubutyebi, busuke benzakalise kwayena mnikazi wabo!
14 Omnye ke ufumba ubutyebi, alahlekelwe bubo ngenxa yentlekele,ze ke unyana ozelwe nguye angabi nanto ezandleni.