8 Umntu akanalo igunya phezu komoya ukuba awuthintele;akukho bani uyilawulayo imini yokufa kwakhe.Njengokuba kungekho ukuphuncula emfazweni,kananjalo inkohlakalo ayibayeki abo bayenzayo.
9 Yonke le nto ndiyibone xa bendiphicotha izinto ezenziwa apha phantsi kwelanga – nditsho into yokuba umntu abe negunya phezu komnye, kube buhlungu kuye.
10 Ewe, ndibabonile abantu abakhohlakeleyo bengcwatywa, bathi shwaka, kanti ke nâbo bangena bephuma endlwini kaThixo besenza ubulungisa, kwanabo bayalityalwa esixekweni. Ewe, kwanaloo nto ngamampunge!
11 Xa isohlwayo setyala singàphunyezwa msinya abantu baqhubela phambili ukwenza ububi.
12 Nakuba isikhohlakali singona nakalikhulu, siphile ixesha elide, noko ndiyazi ukuba izinto ziya kuhamba kakuhle kwabo bamoyikayo uThixo, abo bamhlonelayo.
13 Phofu ke, ngenxa yokuba izikhohlakali zingamoyiki uThixo, izinto aziyi kuzilungela, nemihla yazo ingòlulwa oku kwesithunzi.
14 Ewe, ikho into engamampunge eyenzekayo kweli hlabathi: maxa wambi amalungisa azuza isohlwayo sezikhohlakali, zize zona izikhohlakali zifumane indwe yamalungisa! Ndithi kwanaloo nto ngamampunge!