11 Nantsi enye into endiyibonileyo apha phantsi kwelanga: ezona mbaleki zisenokungaphumeleli elugqatsweni, futhi namagorha avunyiweyo asenokoyiswa edabini. Ewe, izilumko zisenako ukuswela ukutya, kanti ke neengqondi zisenokuphulukana nobutyebi, kwanjengokuba neengcaphephe zisenokuphosana nezikhundla eziphezulu. Kaloku wonke umntu uba namaxesha namathuba akhe.
12 Ke yena umntu akazi ukuba ithuba lakhe linini na. Njengentlanzi ebanjiswe ngomnatha ongenalusini, okanye intaka ebhajiswe ngumgibe, nathi bantu sisuka sixinwe yimin' embi esigubungela singayilindelanga.
13 Apha phantsi kwelanga ndibone omnye umzekelo wobulumko ondenze umdla.
14 Kwakukho idolophu ebantu bambalwa. Yahlaselwa yingangamsha yokumkani. Wayingqinga, wayakhela izikanisi ezayame iindonga eziyikhuselayo.
15 Kwalapho kuloo dolophu kwakukho umfo olihlwempu, phofu esisilumko, owathi ngobulumko bakhe wayihlangula loo dolophu. Kambe ke akukho mntu wamkhumbulayo loo mfo ulihlwempu.
16 Ndaza ndathi ke mna: “Ubulumko bubhetele kunamandla.” Kambe ke ubulumko behlwempu budeliwe, namazwi alo akakhathalelwe.
17 Kungcono ukuphulaphula amazwi esilumko esithetha sizolilekunokuzikhathaza ngokukhwaza komlawuli wezityhakala.