1 Nali ilizwi *likaNdikhoyo elafikela uHosiya unyana kaBheri ngexesha looUziya, uYotam, uAhazi, noHezekiya, ookumkani bakwaJuda, kunye noJerobhowam unyana kaYowashe ukumkani wakwaSirayeli.
2 Ekusunguleni kokuthetha *kukaNdikhoyo ngomlomo kaHosiya uNdikhoyo wathi kuye: “Hamba utshate umfazi wobuhenyu oya kukuzalela abantwana bobuhenyu, kuba abantu beli lizwe nabo bahenyuzile ngokugqithisileyo bakreqa kuNdikhoyo.”
3 Ngoko ke uHosiya wathatha uGomere intombi kaDibhelayim, yaza ke yamitha, yamzalela unyana.
4 UNdikhoyo ke wathi kuHosiya: “Mthiye igama elinguYizereli. Kaloku sekumbovu ukuba ndiyohlwaye indlu kaYehu ngenxa yobutyadidi begazi elaphalazwa eYizereli. Ewe, ndiza kubuphelisa ubukumkani endlwini kaSirayeli.
5 Ngaloo mini ke kwintili eyiYizereli ndiya kuwaphul' iimpondo umkhosi kaSirayeli.”
6 UGomere waphinda wamitha, waza wazala intombi. UNdikhoyo wathi kuHosiya: “Mthiye igama elinguAkenzelwanga-nceba, kuba kaloku andiyi kuba saphinda ndiyenzele inceba indlu kaSirayeli, ndingaphindi ndiyixolele nokuyixolela.
7 Kambe ke inceba yam iya kuthi rhoqo kwindlu kaJuda, ndiyihlangule ngoNdikhoyo uThixo wayo, kungengasaphetha nakrele, kungengamfazwe, kungengamahashe nabakhweli bawo.”