11 Ewe kaloku, ndasuka ngomsindo,ndaza ndaninika ookumkani.Kwangomsindo ndisuke ndabohlutha.”
12 “Ubugwenxa bukaEfrayim budityanisiwe babotshwa;izono zakhe zigcinwe kuvimba.
13 Uyapena-pena ziintlungu zenimba;kambe sisiyatha sosana –lakufika ixesha lokuzalwa aluvumi ukuvela.
14 Ndomhlawulela na kwigunya lengcwaba?Ngaba ndomhlangula na ekufeni?Wena kufa, siphi isibetho sakho?Nawe ngcwaba, luphi ulwamvila lwakho?Ngenene andisayi kuba nanceba mpela!
15 “Noba uEfrayim angaba nempumelelo phakathi kwezizalwane zakhe,uya kufikelwa lulophu lwasempuma,umoya kaNdikhoyo ovela entlango,utshe umthombo wakhe,amaqula akhe ome qoko.Oovimba bakhe baya kuphangwanabo bonke ubuncwane babo buthathwe.
16 ISamariya yona iza kohlwaywa;kaloku bavukelene noThixo wabo.Baza kuba zizigede likrele;iintsana zophihlizwa emhlabeni,nabakhulelweyo baya kuqangqululwa.”