4 Ndikhetheleni amadoda abe mathathu kwisizwe ngasinye, ndiwathume aye kulicanda ilizwe, abhale iinkcukacha zalo ngokwelifa lesizwe ngasinye. Kufuneka aphinde eze kum akugqiba.
5 Loo mhlaba ke uya kwabiwa wahlulwe ube ziziqwenga ezisixhenxe. UJuda wohlala ngezantsi kummandla wakhe, noJosefu wohlala kowakhe ummandla ngasentla.
6 Ze nizibhale iinkcukacha zezo ziphaluka zosixhenxe, nize nazo kum nakugqiba. Mna ke ndokwenza amaqashiso, ndiqonde umnqweno kaNdikhoyo uThixo wethu ngani.
7 AbaLevi bona abayi kwabelwa isabelo njengani; kaloku esabo isabelo kukuba ngababingeleli abakhonza uNdikhoyo. Zona ke izizwe zakwaGadi noRubhen nesiqingatha sikaManase sebelabelwe elabo ilifa phaya ngasempumalanga kweJordan, alinikwa nguMosis isicaka sikaNdikhoyo.”
8 Anduluka ke loo madoda, aya kucanda umhlaba, emva kokuba uYoshuwa wayethe: “Ze niwujikeleze niwucande loo mhlaba, nizibhale iinkcukacha zawo, nibuye nize kum. Mna ndoqonda kuNdikhoyo ngokwenza *amaqashiso apha eShilo.”
9 Awujikeleza ke loo mhlaba loo madoda, abhala echaza ukuba awahlule njani waziziqwenga ezisixhenxe, enza noludwe lwezixeko. Babuyela kuYoshuwa esikhululweni eShilo.
10 UYoshuwa wenza amaqashiso phambi koNdikhoyo, waza ke wazabela izizwe zakwaSirayeli ebezingekabi namhlaba iziqwenga zomhlaba, ewaba ngokwezindlu zazo.