2 Lalisithi: “UNdikhoyo wayebaqumbele gqitha ooyihlo-mkhulu.
3 Yithi ke kubo: Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Buyelani kum,’ nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamadla onke, ‘nam ke ndobuyela kuni,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.
4 Sanukuhamba ekhondweni looyihlo-mkhulu, bona babexelelwa ngabashumayeli bamandulo besithi: Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Guqukani kwiindlela zenu zobubi, nahlukane nemisebenzi yobugwenxa. Kambe ke abazange bandiphulaphule, bengazange bandithobele,’ utsho uNdikhoyo.
5 Ngoku ke baphi ooyihlo abo? Bona abashumayeli baphila ngonaphakade na?
6 Kodwa ke, andithi amazwi am ngokunjalo nemimiselo yam endandiyithume izicaka zam abashumayeli yabafumana ooyihlo-mkhulu abo?“Kaloku ke bazisola bathi: ‘Ngenene uNdikhoyo onamandla onke usiphethe ngokweendlela zethu; usivuze ngokwemisebenzi yethu, njengoko wayezimisele ukwenjenjalo.’ ”
7 Ngomhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yeshumi elinanye, nyanga leyo ekuthiwa nguShebhati, kwakuloo nyaka wesibini wolawulo lukaDariyo, ilizwi *likaNdikhoyo lamfikela *umshumayeli uZakariya unyana kaBherekiya unyana kaIdo.
8 Ndasuka ndaba nombono ebusuku: Phambi kwam ndabona umfo ekhwele ihashe elibomvu. Wayemi engxingweni phakathi kwemithi yemetile. Emva kwakhe kwakukho amanye amahashe, abomvu, amfusa, namhlophe.