1 Khawuvul' iingcango zakho, Lebhanon,khon' ukuze umlilo uyilenye loo misedare yakho.
2 Bhomboloza, wena mpayini;kaloku wona umsedare uwile,yatsho yavuthuluka imithi yodidi.Jwedani nihlahlambe, mioki yaseBhashan;kaloku intshinyela yehlathi igeciwe.
3 Khawuve, nâso isimbonono sabelusi;loo madlelo angayiwayo atshabalele.Yiva, nanko umgqumo weengonyama ezintsha;intshinyela yamatyholo aseJordan ibharhile.
4 *UNdikhoyo uThixo wam uthi: “Zaluse iigusha ezilungiselelwa ukuxhelwa.
5 Abathengi bazo bayazixhela bangohlwaywa noko. Abathengisi bazo bathi: ‘Makabongwe uNdikhoyo, ndisisityebi!’ Kwa-abelusi bazo abo abanalusini ngakuzo.
6 Ngoku sobe ndibe savelana nabantu beli lizwe,” nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo. “Umntu ngamnye ndomnikezela esandleni sommelwane wakhe nokumkani wakhe. Bona bosuka balilawule ngengcinezelo ilizwe; ke mna andiyi kubahlangula esandleni sabo.”
7 Ngoko ke ndawalusa umhlambi oza kuxhelwa, ingakumbi ke lowa wawuphatheke kakubi. Ndathatha iinduku zambini, enye yazo ndathi nguThandekile, eyesibini ndathi nguManyano, ndawalusa ngazo umhlambi.