11 Ngaloo mini ke waphuthiswa, waza nomhlambi ophatheke kakubi owandibonayo waqonda ukuba lilizwi likaNdikhoyo elo.
12 Ke mna ndathi kubo: “Ukuba leyo yeyona nto ingcono kuni, ndinikeni intlawulo yam, kodwa ke, ukuba aniboni njalo, yigcineni.” Baza ke bandihlawula iingqekembe zesiliva ezimashumi mathathu.
13 UNdikhoyo ke wathi kum: “Yiphose kumbumbi – nditsho elo xabiso lingako abandithengise ngalo!” Ngoko ke ndazithatha ezo ngqekembe zesiliva ezimashumi mathathu, ndaziphosa kumbumbi endlwini kaNdikhoyo.
14 Ndayaphula ke nenduku yesibini ekuthiwa nguManyano; ndaba ngolo hlobo ndibuphelisile ubuzalwane phakathi kukaJuda noSirayeli.
15 Waza wathi ke uNdikhoyo kum: “Phinda uthathe izikrweqe zomalusi osisityhakala.
16 Kaloku kweli lizwe ndiza kuvelisa umalusi ongazikhathaleleyo ezilahlekileyo, ongawananzanga amatakane, engazibophi azinyange nezenzakeleyo; ongazondliyo nezo ziphilileyo; othe phithi kukutya inyama yezityebileyo, ade akhukhuze namanqina.
17 “Mawoo, loo malusi ungento,into esuka iwushiye umhlambi!Akwaba ikrele lingamqhokr' ingalo,limtyhumfuze iliso lasekunene.Ngamana yabuna ngokupheleleyo ingalo yakhe,iliso lasekunene lityhaphake tu.”