9 ndathi: “Andiyi kuphinda ndibe ngumalusi. Ezifayo mazife, zitshabalale ezo zitshabalalayo. Ke zona eziseleyo iyileyo naleyo mazitye inyama yenye.”
10 Ndasuka ke ndathatha laa nduku inguThandekile, ndayaphula nditshitshisa umnqophiso endawenzayo nazo zonke izizwe.
11 Ngaloo mini ke waphuthiswa, waza nomhlambi ophatheke kakubi owandibonayo waqonda ukuba lilizwi likaNdikhoyo elo.
12 Ke mna ndathi kubo: “Ukuba leyo yeyona nto ingcono kuni, ndinikeni intlawulo yam, kodwa ke, ukuba aniboni njalo, yigcineni.” Baza ke bandihlawula iingqekembe zesiliva ezimashumi mathathu.
13 UNdikhoyo ke wathi kum: “Yiphose kumbumbi – nditsho elo xabiso lingako abandithengise ngalo!” Ngoko ke ndazithatha ezo ngqekembe zesiliva ezimashumi mathathu, ndaziphosa kumbumbi endlwini kaNdikhoyo.
14 Ndayaphula ke nenduku yesibini ekuthiwa nguManyano; ndaba ngolo hlobo ndibuphelisile ubuzalwane phakathi kukaJuda noSirayeli.
15 Waza wathi ke uNdikhoyo kum: “Phinda uthathe izikrweqe zomalusi osisityhakala.