2 “IJerusalem ndoyenza ibe yindebe ehexisayo kuzo zonke izizwe eziyingqongileyo. IJerusalem iya kungqingwa kunye nazo zonke iidolophu zakwaJuda.
3 Ngaloo mihla iJerusalem ndoyenza ifane nelitye elinzima kunene, yaye ke nabani na ozama ukuliphakamisa losuka limgcimfize. Zonke izizwe zehlabathi zodibana ziyihlanganyele.
4 Ngaloo mini, utsho uNdikhoyo, ndowarhwaqelisa onke amahashe abo, batsho baphakuzele abaphezu kwawo. Indlu kaJuda yona ndiya kuyilondoloza; ke wona amahashe onke eentlanga ndowabetha ngobumfama.
5 Iinkokheli zakwaJuda zosuka zithi ezintliziyweni zazo: ‘Abantu baseJerusalem bomelele, kuba uThixo wabo nguNdikhoyo onamandla onke.’
6 “Ngaloo mini iinkokheli zakwaJuda ndozenza zibe njengomlilo ophenjwe ehlathini okanye isikhuni esintumeka izithungu zengqolowa. Ziya kuzitshabalalisa zonke izizwe ezimjikelezileyo, nditsho ekunene nangasekhohlo. Ke yona iJerusalem iya kuphinda imiwe kwasendaweni yayo.
7 “UNdikhoyo uya kuqala ngokuhlangula imizi yakwaJuda, ukuze isidima sendlu kaDavide neso siya kuzuzwa ngabemi baseJerusalem singasidluli esakwaJuda.
8 Ngaloo mini ke uNdikhoyo uya kubakhusela abemi beJerusalem, khon' ukuze nelona bhetyebhetye phakathi kwabo lomelele njengoDavide. Isizukulwana sendlu kaDavide siya kuba phambili, sifane nesithunywa sikaNdikhoyo, sibe njengoThixo ngenkqu.