4 Ngaloo mini, utsho uNdikhoyo, ndowarhwaqelisa onke amahashe abo, batsho baphakuzele abaphezu kwawo. Indlu kaJuda yona ndiya kuyilondoloza; ke wona amahashe onke eentlanga ndowabetha ngobumfama.
5 Iinkokheli zakwaJuda zosuka zithi ezintliziyweni zazo: ‘Abantu baseJerusalem bomelele, kuba uThixo wabo nguNdikhoyo onamandla onke.’
6 “Ngaloo mini iinkokheli zakwaJuda ndozenza zibe njengomlilo ophenjwe ehlathini okanye isikhuni esintumeka izithungu zengqolowa. Ziya kuzitshabalalisa zonke izizwe ezimjikelezileyo, nditsho ekunene nangasekhohlo. Ke yona iJerusalem iya kuphinda imiwe kwasendaweni yayo.
7 “UNdikhoyo uya kuqala ngokuhlangula imizi yakwaJuda, ukuze isidima sendlu kaDavide neso siya kuzuzwa ngabemi baseJerusalem singasidluli esakwaJuda.
8 Ngaloo mini ke uNdikhoyo uya kubakhusela abemi beJerusalem, khon' ukuze nelona bhetyebhetye phakathi kwabo lomelele njengoDavide. Isizukulwana sendlu kaDavide siya kuba phambili, sifane nesithunywa sikaNdikhoyo, sibe njengoThixo ngenkqu.
9 Ngaloo mini ndiya kukulungela ukuzitshabalalisa zonke izizwe ezihlasela iJerusalem.”
10 “Indlu kaDavide ngokunjalo nabantu baseJerusalem ndiya kubathululela umoya wenceba nowokutarhuzisa. Baya kuthi besakujonga kum, mna lowo bamhlabileyo, basuke bangqukruleke ngesililo, babe ngathi bakhalela umntwana okuphela kwakhe; ewe, baya kutsho ngesofelweyo ngunyana olivela-tanci.