1 “Ngaloo mini indlu kaDavide nabemi baseJerusalem bovulelwa umthombo wokuhlambulula isono nokungcola.
2 “Ngaloo mini ndowasusa amagama ezithixo elizweni, angabi sakhunjulwa mpela,” utsho *uNdikhoyo onamandla onke. “Ndiya kubasusa elizweni abashumayeli ndawonye nomoya ongcolileyo.
3 Kothi ke, xa kukho nabani na osashumayelayo, uyise nonina abo bamzeleyo bothi kuye: ‘Ufanelwe kukufa, kuba uthetha ubuxoki egameni likaNdikhoyo.’ Ukuba ùthe washumayela ke wogwazwa ngunina noyise abamzeleyo.
4 “Ngaloo mini *umshumayeli ngamnye woba neentloni ngombono wakhe xa ashumayelayo, angabi sayambatha ingubo yoboya ekhohlisa abantu.
5 Ndaweni yaloo nto uya kusuka athi: ‘Andinguye umshumayeli; mna ndingumlimi. Lowo yaba ngumsebenzi wam oko ndabakho.’
6 Xa omnye embuza esithi: ‘Ngawani loo manxeba asemzimbeni?’ Wophendula athi: ‘Ngamanxeba endiwafumene endlwini yabahlobo bam.’ ”
7 *UNdikhoyo onamandla onke uthi:“Vuka, krelendini!Vukelana nomalusi wam,nditsho lo mfo usondeleyo kum.Ewe, bulala umalusi;iigusha ziya kuchithakala.Ke mna ndosisa isandla sam ngaphezu kwezincinane.”