3 Kanjalo esi sibane sixhakwe ngasekunene nangasekhohlo yimithi emibini yomnquma.”
4 Ndabuza kweso sithunywa sasithetha nam, ndathi: “Ziyintoni na ezi zinto, nkosi yam?”
5 Ke isithunywa esasithetha nam saphendula sathi: “Awuzazi na ukuba ziyintoni ezi zinto?”Ndaza ndathi: “Hayi, nkosi yam.”
6 Ke sona sathi kum: “Eli lilizwi *likaNdikhoyo kuZerubhabheli: ‘Akungabukroti, kungengawo namandla, kodwa kungoMoya wam kuphela,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.
7 “Kuxa uyintoni, wena ntaba iphakamileyo? Phambi koZerubhabheli wosuka ube njengethafa. Uya kubeka ilitye lokugqibela ekwakhiweni kwendlu kaThixo, abantu bekhwaza besithi: ‘Thamsanqela! Thamsanqela, Thixo!’ ”
8 Ke kaloku ndafikelwa lilizwi likaNdikhoyo lisithi:
9 “Izandla zikaZerubhabheli zisibekile isiseko sendlu kaThixo; ikwazizandla zakhe eziya kuyiphetha. Nawe uya kutsho uqonde ukuba uNdikhoyo onamandla onke nguye ondithumileyo kuwe.