5 Ke isithunywa esasithetha nam saphendula sathi: “Awuzazi na ukuba ziyintoni ezi zinto?”Ndaza ndathi: “Hayi, nkosi yam.”
6 Ke sona sathi kum: “Eli lilizwi *likaNdikhoyo kuZerubhabheli: ‘Akungabukroti, kungengawo namandla, kodwa kungoMoya wam kuphela,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.
7 “Kuxa uyintoni, wena ntaba iphakamileyo? Phambi koZerubhabheli wosuka ube njengethafa. Uya kubeka ilitye lokugqibela ekwakhiweni kwendlu kaThixo, abantu bekhwaza besithi: ‘Thamsanqela! Thamsanqela, Thixo!’ ”
8 Ke kaloku ndafikelwa lilizwi likaNdikhoyo lisithi:
9 “Izandla zikaZerubhabheli zisibekile isiseko sendlu kaThixo; ikwazizandla zakhe eziya kuyiphetha. Nawe uya kutsho uqonde ukuba uNdikhoyo onamandla onke nguye ondithumileyo kuwe.
10 Ngubani owudelelayo umhla ongenaziganeko zingako? Kambe baya kuvuya bakubona uZerubhabheli ephethe isixhobo sokulungelelanisa. Ezi zibane zisixhenxe ngamehlo kaNdikhoyo ajonga ihlabathi lonke jikelele.”
11 Ndasibuza ke isithunywa eso ndathi: “Yeyani le minquma mibini ixhake isiphatho sezibane ngasekhohlo nangasekunene?”