1 Nasi isityhilelo esaboniswa uYesu Krestu nguThixo. Wasiboniswa khon' ukuze yena abonise izicaka zakhe izinto eziza kuhla kamsinya. Esi sityhilelo uYesu wasithumela ngesithunywa sezulu kwisicaka sakhe uYohane.
2 Yena ke uYohane wayibhala wayixela yonke into awayibonayo. Ngoku ke uchaza udaba lukaThixo olo walutyhilelwa nguYesu Krestu.
3 Unoyolo kambe umntu owafundayo amazwi olu daba, benoyolo nâbo bawaphulaphula bawathathele ingqalelo. Kaloku ixesha lokuzalisekiswa kwawo lisemnyango.
4 Mna Yohane ndibhalela amabandla asixhenxe akwiphondo laseAsiya, ndisithi: Kuwo makube sisisa noxolo oluvela kuNdikhoyo, lowo wayekho, oya kusoloko ekho; nakubo ooMoya abasixhenxe abaphambi kwakhe ebhotwe;