Isityhilelo 9 XHO96

Ishwangusha lokuqala

1 Emva koko isithunywa sesihlanu salivuthela ixilongo laso. Ndabona inkwenkwezi eyayiwe emhlabeni, inikwa isitshixo somwonyo oya enzonzobileni.

2 Yawuvula umwonyo wenzonzobila. Kwaphuma umsi kuwo, owawungathi uvela kwizikokazi lomlilo. Loo msi walisitha ilanga nomoya.

3 Kwavela iinkumbi, ziphuma kuloo msi, zeza emhlabeni. Zazinolwamvila olufana nolukanomadudwane.

4 Zaziyalelwe ukuba ze zingayichukumisi ingca, naso nasiphi na isityalo okanye umthi. Zazithunyelwe kubantu ababengaphawulwanga ngophawu lukaThixo ebunzi.

5 Zazithunyelwe ukubathuthumbisa iinyanga ezintlanu ngobuhlungu obufana nolwamvila lukanomadudwane, kodwa zingabulali.

6 Ngelo xesha abantu boba bekufuna ukufa, kube kona ukufa kungafumaneki. Bokunqwenela ukufa, kodwa kona kubaphambe.

7 Ezo nkumbi zazikhangeleka ngathi ngumkhosi wamahashe uxhabashele emfazweni. Entloko zazitsho ngezinto ezazingathi zizithsaba zegolide, zinobuso obufana nobomntu.

8 Zazitsho ngeenwele ezinde, zinamazinyo afana nawengonyama.

9 Zazifake izikhuselo-sifuba ezingathi zezentsimbi. Isandi sokurhatshaza kwamaphiko azo sasivakala ngathi sisandi seenqwelo zamahashe zisinga edabini.

10 Imisila yazo yayifana neyoonomadudwane, inolwamvila. Babusemsileni apho ubuhlungu bokuthuthumbisa abantu iinyanga ezintlanu.

11 Inkosi yazo yayisisithunywa sasenzonzobileni. Igama layo lalinguAbhadon ngesiHebhere, uApoliyon ngesiGrike.

12 Lidlule ishwangusha lokuqala. Kodwa aseza amabini.

Ishwangusha lesibini

13 Salivuthela ixilongo laso isithunywa sesithandathu. Ndeva ilizwi livela phakathi kweempondo zeqonga lamadini legolide, elaliphambi kukaThixo.

14 Lathi kwisithunywa sesithandathu esasiphethe ixilongo masizikhulule izithunywa ezine ezazibotshelelwe kumlambokazi iEfrati.

15 Zakhululwa zozine ezo zithunywa ukuba zibulale isiqingatha sesithathu soluntu. Zazihleli zilimiselwe kakade eli thuba, kanye ngalo nyaka nangale nyanga, ngalo mhla kanye nangeli xesha.

16 Ndalixelelwa inani lemikhosi yamahashe. Yayingamakhulu amabini ezigidi.

17 Waba nje umbono endaba nawo wamahashe nabo bawakhweleyo: Babetsho ngezikhuselo-sifuba ezibomvu, nezizuba, nezimthubi. Amahashe iintloko zazifana nentloko yengonyama. Ayephuma umlilo ngomlomo, kuqhuma umsi nesalfa.

18 Kwabulawa isiqingatha sesithathu soluntu ngezi zibetho zozithathu zomlilo, nomsi, nesalfa.

19 Ubuhlungu bala mahashe babusemlonyeni nasemisileni. Imisila yayineentloko ngathi ziinyoka. Ayeluma ngayo imisila.

20 Amasalela abantu abasindayo kweso sibetho akazange ahlukane nezithixo awayezenzele. Akazange ayeke ukunqula iindimoni nezithixo ezaziqingqwe ngegolide nesiliva nobhedu, amatye nangomthi, izinto ezazingenako nokubona nokuva nokushukuma oku.

21 Akazange azisole nokuzisola ngobugebenga, nobugqwirha, ukurheletya, nobututu bawo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22