Isityhilelo 21 XHO96

Izulu elitsha nehlabathi elitsha

1 Ndabona izulu elitsha nehlabathi elitsha. Kaloku elokuqala izulu nelokuqala ihlabathi laliselidlule. Kwakungasekho nolwandle olu.

2 Ndabona nesixeko esingcwele, iJerusalem entsha, isihla ivela kuThixo ezulwini. Yayingasentle! Yayingathi ngumtshakazi ehombele umyeni.

3 Ndive ilizwi elikhulu, livela ngasesihlalweni sokulawula, lisithi: “Uyasibona esi sixeko? Kulapho uThixo ahlala khona nabantu. Uya kuhlala phakathi kwabo, babe yimilowo yakhe, yena abe nguThixo wabo. UThixo ngenkqu uya kuhlala nabo.

4 Uya kubosula zonke iinyembezi. Akusayi kubuye kubekho kufa, nalusizi, nasikhalo, nazintlungu. Kaloku lidlule ilizwe lokuqala.”

5 Ke lowo uhleli esihlalweni sokulawula wathi: “Ngoku yonke indalo ndiyenza ntsha.” Ubuye wathi: “Bhala kaloku! La mazwi ndiwathethayo athembekile, ayinyaniso.”

6 Wabuya wathi: “Sekwenzekile. Ndim u-A kwano-Z, ndim isiqalo nesiphelo. Nabani na onxaniweyo ndomnika ngesisa amanzi aphuma emthonjeni odlisa ubomi.

7 Lowo woyisayo wozixhamla zibe lilifa lakhe ezi zinto. Mna ndoba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam.

8 Kodwa ilifa lamagwala, abangakholwayo, izingcoli, izigwinta, abarheletyi, amagqwirha, abanquli-zithixo, nawo onke amaxoki, loba kukufa kwesibini kwidike lomlilo ovutha yisalfa.”

IJerusalem entsha

9 Kusuke esinye sezithunywa ezisixhenxe ezaziphethe izitya ezisixhenxe zezibetho zokugqibela sathi kum: “Yiza ngapha ndikubonise umtshakazi walo iXhwane.”

10 Sandithatha ndisemandleni kaMoya, sandisa encotsheni yentabakazi enkulu. Sandibonisa iJerusalem, isiXeko esiNgcwele, isihla ivela kuThixo ezulwini.

11 Yayiqaqambile bubuqaqawuli bukaThixo, ibengezela okwelitye lexabiso elicwenge okwedayimani.

12 Yayineendonga eziphakamileyo kakhulu, inamasango alishumi elinambini. Kwisango ngalinye kwakukho isithunywa. Phezu kwamasango kwakubhalwe amagama ezizwe ezilishumi elinambini zakwaSirayeli.

13 Ngasempumalanga kwakukho amasango amathathu, emathathu emntla, emathathu emzantsi, nangasentshonalanga.

14 Iindonga zesixeko zazimi phezu kweziseko zamatye alishumi elinambini. Ilitye ngalinye lalinegama *lomthunywa ngamnye kubathunywa beXhwane abalishumi elinambini.

15 Isithunywa esasithetha nam sasiphethe induku yegolide yokulinganisa. Sasiza kulinganisa ngayo ubukhulu besixeko, amasango, neendonga zaso.

16 Amacala omane ayelingana, ubude bungangobubanzi. Isithunywa salinganisa ubukhulu besixeko ngenduku yaso. Safumana buziikhilomitha ezilishumi elinesibini lamawaka, ubude kwanobubanzi baso. Sasikwangako ukuphakama.

17 Salinganisa iindonga, sazifumana ziziinyawo ezilikhulu linamashumi mane anane ukuphakama. Sasisebenzisa umlinganiso oqhelekileyo ebantwini.

18 Udonga lwalwenziwe ngeedayimani. Sona isixeko sasenziwe ngegolide; sasingathi siyiglasi egudisiweyo.

19 Iziseko zaso zazihonjiswe ngazo zonke iintlobo zamatye exabiso. Kuqala yayiyidayimani, kulandele ilitye lexabiso ekuthiwa yisafire, iagati, iemeraldi,

20 isadonisi, ikorneli, ikrizoli, ibherilo, itopazi, ikrizoprazi, ihakinto, eleshumi elinambini yayiametiste.

21 Amasango alishumi elinambini *ayeziiperile ezilishumi elinambini. Isango ngalinye laliyiperile enye, nesitalato sesixeko siyigolide ecwengileyo, sifana neglasi.

22 Andizange ndiyibone *indlu kaThixo esixekweni apho. Kaloku iNkosi uThixo uSomandla kunye nalo iXhwane ngabo ngenkqu loo ndlu.

23 Isixeko sasingadingi langa nanyanga yakusikhanyisela. Sasikhanyiselwa bubuqaqawuli bukaThixo nalo iXhwane.

24 Izizwe ziya kuhamba ekukhanyeni kwaso; iikumkani zehlabathi zowazisa kuso amagugu azo.

25 Akasayi kuvalwa emini amasango aso, yaye akusayi kubakho busuku khona.

26 Izizwe ziya kuza ziphethe amagugu azo neendyebo zazo.

27 Akuyi kungena bubi khona; akuyi kungena nasingcoli naxoki; kuphela kongena abo babhaliweyo encwadini yeXhwane, leyo yeenkcukacha zobomi.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22