Isityhilelo 7 XHO96

AmaSirayeli aphawulwayo

1 Emva koko ndabona izithunywa ezine zimi kwiikona zone zomhlaba. Zazivalele imimoya yomhlaba yomine apho, ukuze kungabikho nampunde yamoya uvela elwandle, okanye ucande emhlabeni, ungabhudli namnye umthi.

2 Ndabona nesinye isithunywa sisithi gqi ngasempumalanga, siphethe uphawu lukaThixo ohlala ehleli. Samemeza sibhekisa kweziya zithunywa zine bezinikwe igunya lokonakalisa umhlaba nolwandle, sisithi:

3 “Khanikhe nime ngokonakalisa umhlaba nolwandle nemithi! Maside sigqibe ukubeka uphawu lukaThixo kumabunzi ezicaka zakhe!”

4 Ndaliva lixelwa nenani labo baphawulwayo. Kwaphawulwa ikhulu elinamashumi mane anesine amawaka kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli.

5 Kwisizwe sakwaJuda kwaphawulwa ishumi elinambini lamawaka, kwesakwaRubhen yaba lishumi elinambini lamawaka, kwaGadi yalishumi elinambini lamawaka,

6 kwesakwa-Ashere yalishumi elinambini lamawaka, kwesakwa-Nafetali yalishumi elinambini lamawaka, kwesakwaManase yalishumi elinambini lamawaka,

7 kwesakwa-Simon yalishumi elinambini lamawaka, kwesakwaLevi yalishumi elinambini lamawaka, kwesakwaIsakare yalishumi elinambini lamawaka,

8 kwesakwaZebhulon yalishumi elinambini lamawaka, kwesakwaJosefu yalishumi elinambini lamawaka, kwaza nakwesakwaBhenjamin yalishumi elinambini lamawaka.

Ihlokondiba labantu beentlanga ngeentlanga

9 Emva koko ndabona kusithi thu ihlokondiba elalingenakubalwa bani. Abo yayingabantu beentlanga ngeentlanga, izizwe ngezizwe, neelwimi ngeelwimi. Babemi phambi kwesihlalo sokulawula naphambi kweXhwane. Babevathe ezimhlophe, bephethe amasundu,

10 bedanduluka besithi: “Huntshu! Usoyisele uThixo ohleli esihlalweni sakhe sokulawula, nalo iXhwane!”

11 Izithunywa zonke zazimi zingqonge isihlalo eso sokulawula namadoda amakhulu kwakunye nezilwanyana ezine, zathi qubudu phambi kukaThixo osesihlalweni sakhe, zanqula

12 zisithi:“*Amen! Umbongo, udumo, nolwazi,umbulelo, isithozela, igunya, namandla,mazinikwe uThixokude kube ngunaphakade kanaphakade! Amen!”

13 Enye inkonde yathi kum: “Aba bantu bambethe iingubo ezimhlophe ngoobani, bevela phi?”Ndaphendula ndathi:

14 “Mhlekazi, kwazi wena.”Yona yathi: “Aba bantu ngabo baphume kwiinkxwaleko zengcinezelo. Bazihlambile zamhlophe iingubo zabo ngamandla egazi leXhwane.

15 Yiyo loo nto bemi phambi kukaThixo bemnqula imini nobusuku endlwini yakhe. Lowo uhleli kwisihlalo sakhe sokulawula wobafukamela.

16 Abayi kulamba, abayi kunxanwa, abayi kugqatswa lilanga, bengayi kuva bushushu.

17 Kaloku iXhwane elimi esazulwini sebhotwe liza kubalúsa, libaqhubele kwimithombo yamanzi aphilisayo. Wobasul' iinyembezi uThixo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22