Isityhilelo 10 XHO96

Isithunywa nencwadana

1 Ke kaloku ndabona enye ingwanyalala yesithunywa isihla iphuma ezulwini. Sasithiwe wambu lilifu, intloko yaso ithiwe thande ngumnyama. Ubuso babubengezela ngathi lilanga. Yona imilenze yayingathi ziintsika zomlilo.

2 Esandleni sasiphethe incwadana, ivuliwe. Sasingxabalazile, unyawo lokunene lumi elwandle, olwasekhohlo lusemhlabeni.

3 Sakhwaza ngelizwi elingathi ngumgqumo wengonyama.

4 Emva kwaloo mkhwazo kwaphendula izithonga ezisixhenxe zendudumo. Ndithe xa ndiza kuyibhala into eyayithethwa ziindudumo ezisixhenxe, ndeva ilizwi liphuma ezulwini lisithi: “Into ethethwa ziindudumo musa ukuyibhala, ilihlebo.”

5 Isithunywa eso besingxabalazile ndasibona sisiphakamisela ezulwini isandla saso sokunene.

6 Safunga uSonini-nanini, owadala izulu nehlabathi, ulwandle nezinto zonke ezilapho kuzo, sathi: “Ixesha limkile!

7 Liya kuthi lakufika ithuba lokuba isithunywa sesixhenxe sikhalise ixilongo laso, icebo elingaziwa mntu likaThixo lifezekiswe, kanye njengoko wayethembisile kwizicaka zakhe ezazivakalisa udaba.”

8 Kwakhona ilizwi elaliphuma ezulwini ndaliva lisithi kum: “Yiya uyithathe incwadi leyo ivulekileyo iphethwe sisithunywa esingxabalazele phezu kolwandle nomhlaba.”

9 Ndiyile, ndacela ukuba isithunywa sindinike incwadana leyo. Sithe ke sona: “Yithathe uyitye. Yona yofana nobusi emlonyeni, kodwa iya kukuqumbela.”

10 Ndayithatha ke esandleni sesithunywa eso ndayitya. Okunene yaba mnandi njengobusi emlonyeni, kodwa ndithe ndakuyiginya ndaqunjelwa.

11 Ndaxelelwa kwathiwa: “Kwakhona kufuneka uvakalise udaba lukaThixo olumayela nezizwe ngezizwe, iintlanga ngeentlanga, iilwimi, nezikumkani.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22