Isityhilelo 17 XHO96

Ihenyukazi uBhabheli

1 Esinye sezithunywa ezisixhenxe ezaziphethe izitya ezisixhenxe seza kum, sathi: “Yiza, ndiza kukubonisa ukugwetywa kwehenyukazi elimi phezu kwemilambo.

2 Kaloku izikumkani zehlabathi zirheletya nalo. Ewe, ihlabathi liphela lithe thwanga kukurheletya nalo.”

3 Ke kaloku ndaba semandleni kaMoya, saza isithunywa eso sandisa entlango. Apho ke ndabona umfazi ekhwele phezu kwerhamncwa elibomvu elalinemibhalo emanyumnyezi. Lalineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi.

4 Umfazi lowo wayevathe ezimfusa nezibomvu, eyokozela ngamaso egolide, intsimbi, namatye exabiso. Ngesandla wayephethe indebe yegolide eyayizele uluchwe lokungcola nokurheletya kwakhe.

5 Ebunzi kwakubhalwe igama elingaziwa mntu: “UBhabheli, unina wamahenyukazi, nazo zonke iintlondi zehlabathi.”

6 Lo mfazi ndambonayo wayenxile ligazi losapho lukaThixo, ngokunjalo negazi labo babengqina ngoYesu.Ndithe ndakumbona ndamangaliswa, kodwa isithunywa eso sabuza sathi:

7 “Ngani ukuba umangaliswe? Phulaphula ke ndikuxelele ihlebo ngalo mfazi kunye nerhamncwa akhwele kulo elineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi.

8 Elo rhamncwa ulibonileyo lelo lalikho, lingasekhoyo ngoku; kambe ke lisaza kuphuma enzonzobileni, landule ke ukuya kwantshabalalo. Abo bamagama angazange abhalwe encwadini yabaphilayo, seloko lasekwayo ihlabathi, baya kumangaliswa bakulibona irhamncwa; kuba kaloku lalikhe ladla ubomi, kodwa ngoku alisekho, phofu lisaza kubuya livele.

9 “Kwabo banako ukutolika nasi isitshixo. Iintloko ezisixhenxe ziinduli ezisixhenxe emi kuzo umfazi. Kwangokunjalo zimele ookumkani abasixhenxe.

10 Isihlanu kubo asisekho, omnye usesezintanjeni, omnye useza, kambe naxa selefikile uya kulawula ixeshana nje.

11 Ke lona irhamncwa, elo lalikhe lakho lingasekhoyo ngoku, lingowesibhozo – nakuba lingomnye wabasixhenxe nje – futhi liza kutshabalala.

12 “Zona iimpondo ezilishumi ozibonileyo, ngookumkani abalishumi abangekaqali ukulawula. Kambe ke baya kwabelana ngolawulo kunye nerhamncwa okwethutyana nje.

13 Kaloku boshumi injongo yabo iyafana: kukunikezela ulawulo kwirhamncwa.

14 Baya kulwa neXhwane, kodwa liboyise. Kaloku lona liyiNkosi yamakhosi, iKumkani yeekumkani. Abalandeli balo baya kuba nenxaxheba kolo loyiso lwalo. Ewe, nditsho abanyulwa ababiziweyo nabathembekileyo.”

15 Isithunywa saqhuba sathi: “Amanzi emilambo lawo uwabonileyo, apho limi khona ihenyukazi, luluntu, iintlanga, izizwe, neelwimi ngeelwimi.

16 Iimpondo ezilishumi ozibonileyo kunye nerhamncwa zosuka zilithiye ihenyukazi. Ziya kulihluba libe ze, zilishiye lingumpha ochutyiweyo; ewe, ziya kulitya inyama, zijike zilitshise libe luthuthu.

17 Kaloku uThixo ukunikele kuzo ukufezekiswa kwecebo lakhe. Ziya kuvana, amagunya azo ziwanike irhamncwa, ade afezekiswe amazwi kaThixo.

18 “Umfazi lowo umbonileyo sisixekokazi esilawula bonke ookumkani behlabathi.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22