Isityhilelo 16 XHO96

Izitya zengqumbo kaThixo

1 Ndeva kudanduluka ilizwi kwindawo engcwele, lisithi izithunywa ezisixhenxe maziye kuzichitha ehlabathini izitya ezisixhenxe zengqumbo kaThixo.

2 Sanduluka isithunywa sokuqala, sasichitha ehlabathini isitya saso. Abo babenophawu lwerhamncwa, nabo babenqula umfanekiso walo, baphuma izilonda ezibi neziqaqambayo.

3 Esesibini isithunywa sasichithela elwandle isitya saso. Amanzi ajika afana negazi lomntu ofileyo. Kwafa zonke izinambuzane eziphila elwandle.

4 Isithunywa sesithathu sasichithela emilanjeni nasemithonjeni isitya saso, yaza yajika yaba ligazi.

5 Ndeva isithunywa esilawula amanzi sisithi: “Zilungile izigqibo zakho, wena ungcwele, uhleli ukho, nobukade ukho!

6 Baliphalaza igazi lemilowo kaThixo *nelabashumayeli, ngoku ke ubanika igazi ukuba basele. Ibafanele loo nto bayifumeneyo, tshotsho!”

7 Kwavakala ilizwi, liphuma eqongeni lamadini, lisithi: “Nkosi, Thixo Somandla, ngenene zinyanisekile, zilungile, izigqibo zakho!”

8 Sasichitha elangeni isitya saso isithunywa sesine. Laza ilanga lakhululelwa ukubatshisa ngengqantsini yobushushu abantu.

9 Batsha abantu seso sihogo. Baliqalekisa igama likaThixo ezeza ngegunya lakhe ezo zibetho. Kodwa abazanga bahlukane nezono, banqule uThixo.

10 Esesihlanu isithunywa sasichitha phezu kwesihlalo serhamncwa isitya saso. Kwaba mnyama tsiki kuloo mmandla wolawulo lwerhamncwa. Babengcungcutheka abantu ziintuthumbo.

11 Kodwa uThixo wezulu babemqalekisa ngenxa yezilonda neengqaqambo, bengaguquki kwiindlela zabo ezigwenxa.

12 Isithunywa sesithandathu sasichitha phezu komlambo omkhulu iEfrati isitya saso. Watsha umlambo, kwavuleka indlela yeekumkani ezivela empumalanga.

13 Ndabona iindimoni ezintathu ezazingathi ngamasele. Zaphuma emlonyeni wegongqongqo, nowerhamcwa, nakowomshumayeli oxokayo.

14 Yayiziindimoni ezinamandla okwenza imilingo. Zazithunywe ukuya kuqokelela edabini zonke iikumkani zelizwe ngaloo mini inkulu kaThixo uSomandla.

15 “Uyabona ke, ngaloo mini ndiya kuza njengesela. Unoyolo ke lowo uhlala elindile, engazikhululi izambatho zakhe, ukuze angahambi ze, ahlazeke ebantwini.”

16 Iindimoni zaziqokelela ndawonye iikumkani, kwindawo ekuthiwa yiArmagedon ngesiHebhere.

17 Isithunywa sesixhenxe sasichitha emoyeni isitya saso. Kwavakala ilizwi lidanduluka esihlalweni sobukhosi endlwini kaThixo lisithi: “Kuphelile.”

18 Kwabakho ubumenye-menye bemibane, ukugqekreza, nezandi zeendudumo, kunye nenyikima eyoyikekayo. Akuzange kubekho nyikima yoyikeka njengaleyo ezimbalini!

19 Saqhekeka kathathu isixeko esikhulu. Izixeko zamazwe onke zadilika zangamabhodlo. UThixo akazanga asilibale isixeko esikhulu iBhabheli. Wayiseza impindezelo yakhe.

20 Zonke iintaba zathi shwaka, neziqithi zaphel' emehlweni.

21 Kwawa isichotho esingamatye amakhulu. Ilitye ngalinye lalimalunga namashumi amahlanu eekhilogram ubunzima. Sabatyhumfuza abantu. Bamqalekisa uThixo abantu ngenxa yesibetho seso sichotho soyikekayo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22