Isityhilelo 22 XHO96

1 Isithunywa eso sandibonisa umlambo onamanzi obomi ebengezela okweglasi. Ayempompoza evela kwibhotwe likaThixo kunye neXhwane.

2 La manzi ayesihla phakathi kwisitalato sesixeko eso. Lo mlambo wawuphahlwe ngumthi wobomi. Lo mthi uvelisa iziqhamo ngazo zonke iinyanga zonyaka. Amagqabi alo mthi ayimpilo yezizwe.

3 Nayiphi na into eqalekisiweyo ayisayi kubakho apho.Into ekhoyo apho libhotwe likaThixo kunye neXhwane. Izicaka zakhe ziya kuphithizela zimkhonza.

4 Ziya kujongana naye ebusweni, zinegama lakhe ebunzi.

5 Akusayi kubakho busuku khona; kungasayi kubakho mfuneko yasibane nalanga. Kaloku iNkosi uThixo uya kuzikhanyisela. Ziya kuxhamla ulawulo ngonaphakade kanaphakade.

Ukubuya kukaYesu

6 Kananjalo sathi kum: “La mazwi ayinyaniso, athembekile. INkosi uThixo obaxhobisayo ngefuthe loMoya abavakalisi belizwi, wathumela isithunywa sakhe ukuze sibonise izicaka zakhe izinto eziza kwenzeka kamsinya.”

7 “Uyabona ke, ndiyeza ngokukhawuleza! Unoyolo umntu owathobelayo amazwi odaba lwale ncwadi!”

8 Ndim mna Yohane ozivileyo wazibona ezi zinto. Ndakuba ndizivile ndazibona ezi zinto, ndawa ezinyaweni zesithunywa eso sandibonisayo, ndikhahlela.

9 Kodwa sakhalima sathi: “Hayi bo! Sukwenjenjalo; kaloku nam ndisisicaka njengawe, ugxa wakho namawenu abavakalisi belizwi, nabo bonke abawathobelayo amazwi akule ncwadi. NguThixo ofanele ukumnqula wena.”

10 Saqhuba sathi: “Uze ungawafihli amazwi ale ncwadi; kaloku ithuba lokuzalisekiswa kwawo lisemnyango.

11 Ke yena umenzi wobubi makaqhubele phambili, ngokunjalo nongcolileyo makaqhubele phambili; nalowo ulungisayo makathathe unyawo, kanti ke nonyulu makahlale enjalo.

12 “Ewe, ndiyeza kamsinya! Ulowo nalowo ndiya kumphathela ibhaso ngokwemisebenzi yakhe!

13 Kaloku ndingu-A, ndikwangu-Z; ndingowokuqala, ndikwangowokugqibela, ndikwasisiqalo nesiphelo.”

14 Banoyolo abo bazabalazela ukuba bahlale benyulu! Baya kuba nelungelo kuwo umthi wobomi; baya kungena ngamasango esixekweni.

15 Kambe ke ngaphandle zizinja, namagqwirha, abarheletyi, izigwinta, abanqula *izithixo, nabo bonke abathe phithi kukuxoka.

16 “Ndim mna Yesu osithumileyo isithunywa sam ukuba siye kushumayela ezi ndaba emabandleni. Ndingumnombo nomzukulwana kaDavide, ikhwezi lokusa.”

17 UMoya kunye nomtshakazi bathi: “Yiza”Wonke umntu ovayo makathi: “Yiza!”Wonke umntu onxaniweyo makeze. Makawasele amanzi obomi; asisisa kwabo bawafunayo.

Isiphetho

18 Ndiyamlumkisa wonke umntu owevayo amazwi ale ncwadi: Ukuba ukhe wawongeza, uThixo uya kumhlisela zonke izibetho ezichaziweyo kule ncwadi.

19 Kanti ke ukuba ukhe wawaphungula, uThixo uya kumvimba inxaxheba kuwo umthi wobomi, angabi nalungelo nakuso isiXeko esiNgcwele – zinto ezo zichaziweyo kule ncwadi.

20 Lo unika obu bungqina uthi: “Nanjani na ndiza kufika ngokukhawuleza!”Makube njalo! Yiza, Nkosi Yesu!

21 Ubabalo lweNkosi uYesu maluhlale kuni nonke.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22