Isityhilelo 13 XHO96

Irhamncwa elivela elwandle

1 Ke kaloku ndabona irhamncwa liphuma elwandle. Lona ke lalineentloko ezisixhenxe; iimpondo zona zazilishumi. Uphondo ngalunye lwalunembasa; kanti ke iintloko zaziphawulwe ngamagama amanyumnyezi.

2 Eli rhamncwa lalingathi lihlosi, koko iinyawo zalo zazifana nezebhere, wona umlomo ufana nowengonyama. Irhamncwa eli lafumana amagunya namandla ndawonye nobungangalala, libunikwa ligongqongqo.

3 Enye yeentloko zalo yangxwelerheka, kodwa yabuya yaphila. Ihlabathi liphela lathatheka ngulo mmangaliso, latsho lalandela irhamncwa elo.

4 Bonke abantu balinqula igongqongqo elo, kuba amagunya alo liwanike irhamncwa. Kanti ke balinqula nerhamncwa elo, belibonga besithi: “Ngubani onokulingana nerhamncwa; ingubani khona onokulwa nalo?”

5 Isithuba esingangeenyanga ezimashumi mane anambini irhamncwa lavunyelwa ukuba lisebenzise amagunya alo, lithethe izinto ezimanyumnyezi, liqalekise.

6 Lasuka ke lamqalekisa uThixo, latshabhisa negama lakhe ndawonye nomzi wakhe ezulwini, kwakunye nâbo bahlala khona.

7 Lavunyelwa ukuba lilwe nosapho lukaThixo liloyise. Ngokunjalo lanikwa amagunya kuzo zonke iintlanga, izizwe, iilwimi, noluntu.

8 Bonke abantu behlabathi baya kulinqula. Abo ke ngabantu abamagama angabhalwanga encwadini yabaphilayo eyabhalwa kwangaphambi kokusekwa kwehlabathi. Incwadi le ke yeyeXhwane elabulawayo.

9 “Oneendlebe zokuva makeve!

10 Nabani na ofanele ukubanjwa uya kubanjwa; kanti ke nabani na oza kubulawa ngekrele uya kubulawa ngekrele. Le nto ke yenza kube yimfuneko ukuba abantu bakaThixo banyamezele, futhi babambelele elukholweni.”

Irhamncwa elivela emhlabeni

11 Kwakhona ndabona elinye irhamncwa lisithi nyalulu emhlabeni. Lona lalineempondo ezifana nezetakane, kodwa lalithetha ngathi ligongqongqo.

12 Eli rhamncwa lasebenzisa amagunya erhamncwa lokuqala, lijongile. Lanyanzela ihlabathi nabemi balo ukuba banqule irhamncwa lokuqala, ingxwelerha leyo yaphilayo.

13 Lalisenza imimangaliso; ewe, lalide lenze ukuba kuhle umlilo ezulwini abantu bejongile.

14 Ngale ndlela ke lavunyelwa ukuba libalahlekise abantu behlabathi. Kaloku le mimangaliso laliyenza likho neliya lokuqala irhamncwa. Eli rhamncwa lathi abantu behlabathi mabaqingqe umfanekiso wokuwonga elaa rhamncwa lalingxwelerhwe likrele kodwa laphila.

15 Irhamncwa eli lanikwa amandla okuba liwuphefumlele umfanekiso lowo, ukuze uthethe; futhi ugunyazise ukuba babulawe abo babengawunquli.

16 Ngaphezu koko ke lanyanzelisa ukuba bonke abantu, abancinci nabakhulu, izityebi namahlwempu, amakhoboka nabakhululekileyo, mabaphawulwe ezandleni zokunene okanye ebunzi.

17 Ngaphandle kolu phawu lumele igama okanye inani elimele igama lerhamncwa, akukho mntu wayevunyelwa ukuba athenge okanye athengise.

18 Le ndawo ke ifuna ingqiqo. Nabani na oqiqayo angalifumana inani elimele irhamncwa. Kaloku inani elo limele umntu. Lona ke inani elo ngamakhulu amathandathu anamashumi amathandathu anesithandathu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22