Isityhilelo 14 XHO96

IXhwane kunye nabo baphawulweyo

1 Kananjalo ndathi ndakujonga ndabona iXhwane lithe bhuxe entabeni iZiyon. Lalikunye nabantu abalikhulu elinamashumi amane anesine lamawaka. Bona babephawulwe ngegama lalo kunye nelikaYise ebunzi.

2 Ndeva ukuhlokoma kwelizwi liphuma ezulwini. Lalingathi sisandi samanzi engxangxasi; lalingathi kukuqhaqhazelisa kweendudumo. Eli lizwi laba ngathi ziimvumi ezibetha iihapu.

3 Babethe qwelele phambi kwebhotwe naphambi kwezilwanyana ezine, ndawonye namadoda amakhulu, bevuma ingoma entsha. Akukho bani wayenako ukuyilandela loo ngoma, ngaphandle kwabo bakhululekileyo emhlabeni; ewe, nditsho abo balikhulu elinamashumi amane anesine lamawaka.

4 Aba ke ngabo bangazidyobhanga ngamabhinqa. Ewe, banyulu. Bona bathe ngcembe emva kweXhwane. Aba bakhululwe bephuma kulo lonke uluntu. Balulibo lukaThixo kunye neXhwane.

5 Abazange bakhohlisa; bamsulwa.

Izithunywa

6 Ndabona isithunywa sindanda phezulu esibhakabhakeni. Sasithunywe ukuba siye kuvakalisa uncuthu lweendaba ezingasoze zithini. Zona zezabo bonke abantu behlabathi, iintlanga, iilwimi ngeelwimi, nezizwe ngezizwe.

7 Sadanduluka samemeza sathi: “Thobelani uThixo, nimdumise ngenxa yobungangamsha bakhe! Kaloku ngoku lifikile ithuba lokuba alugwebe uluntu. Ngoko ke nqulani nimdumise umenzi wamazulu nomhlaba, ulwandle nemithombo empompozayo!”

8 Kwalandela esinye isithunywa sisithi: “Huntshu! Ithe folokohla yawa indlovukazi uBhabheli! Kaloku uluchwe lokurheletya kwakhe uluseze zonke izizwe!”

9 Ngokukwanjalo salandela nesinye isithunywa simemeza sisithi: “Wonke umntu onqula irhamncwa kunye nomfanekiso walo, aze amkele uphawu lwalo ebunzi okanye esandleni,

10 uya kutsarhwa yingqumbo kaThixo. Ewe kaloku, impindezelo kaThixo itsale yada yatshukula. Uya kugcadeka elangatyeni lomlilo wesalfa, iXhwane nezithunywa ezingcwele zibukele.

11 Umsi waloo mlilo uya kutsho ngomlembelele unyuquza unyuka ungaze unqamke. Abo banqula irhamncwa nomfanekiso walo, abanophawu lwegama lalo, abasoze baphumle imini nobusuku.”

12 Le meko ke icela umngeni kusapho lukaThixo ukuba lube nomonde, luyithobele imiyalelo kaThixo, lunyaniseke kuYesu.

13 Kwakhona ndeva ilizwi liphuma ezulwini lisithi: “Bhala uthi: ‘Ewe kambe, banoyolo abo bafa bezinikele eNkosini!’ Ewe, ukusukela ngoku uMoya uthi: ‘Baphumle ekubulalekeni kwabo, baphahlwe ziziqhamo zemisebenzi yabo.’ ”

Isivuno ehlabathini

14 Ndithe ndisajongile kwavela ilifu elimhlophe, kulo kuthe ngcu into engathi ngumntu. Intloko yakhe yayihonjiswe ngembasa yegolide, ephethe irhengqe ebukhali ngesandla.

15 Kwaphuma isithunywa endlwini kaThixo, samemeza lowo wayehleli efini, sathi: “Yolula isandla sakho, uvune ngerhengqe leyo. Kaloku ixesha lokuvuna lifikile, ibe ke nesivuno sehlabathi sesilungile.”

16 Lowo wayehleli efini wasebenzisa irhengqe yakhe, wavuna ehlabathini.

17 Kwakhona kwavela esinye isithunywa siphuma endlwini kaThixo esezulwini. Naso sasiphethe irhengqe ebukhali.

18 Ngokunjalo kwathi thu esinye isithunywa eqongeni. Esi sona sasingumongameli womlilo. Sabhekisa kweso sasinerhengqe ebukhali, sikhwaza sisithi: “Yolula isandla sakho, uqokelele idiliya ehlabathini, kuba ivuthiwe ngoku.”

19 Senjenjalo ke isithunywa eso, sasika sayiqokelela idiliya yehlabathi. Sayithatha sayiphosa esixovulelweni sengqumbo kaThixo.

20 Idiliya leyo yaxovulelwa ngaphandle kwesixeko. Isixovulelo eso sampompoza igazi langumgama oziikhilomitha ezingamakhulu alishumi elinesithandathu. Lalinzulu kangangokuba ihashe lalisithi gabhu ngomkhala.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22