6 Safunga uSonini-nanini, owadala izulu nehlabathi, ulwandle nezinto zonke ezilapho kuzo, sathi: “Ixesha limkile!
7 Liya kuthi lakufika ithuba lokuba isithunywa sesixhenxe sikhalise ixilongo laso, icebo elingaziwa mntu likaThixo lifezekiswe, kanye njengoko wayethembisile kwizicaka zakhe ezazivakalisa udaba.”
8 Kwakhona ilizwi elaliphuma ezulwini ndaliva lisithi kum: “Yiya uyithathe incwadi leyo ivulekileyo iphethwe sisithunywa esingxabalazele phezu kolwandle nomhlaba.”
9 Ndiyile, ndacela ukuba isithunywa sindinike incwadana leyo. Sithe ke sona: “Yithathe uyitye. Yona yofana nobusi emlonyeni, kodwa iya kukuqumbela.”
10 Ndayithatha ke esandleni sesithunywa eso ndayitya. Okunene yaba mnandi njengobusi emlonyeni, kodwa ndithe ndakuyiginya ndaqunjelwa.
11 Ndaxelelwa kwathiwa: “Kwakhona kufuneka uvakalise udaba lukaThixo olumayela nezizwe ngezizwe, iintlanga ngeentlanga, iilwimi, nezikumkani.”