1 Ke kaloku ndanikwa ingcongolo ende yokulinganisa, kwathiwa: “Hamba uye kulinganisa *indlu kaThixo, neqonga lamadini, ubale nabo banqulayo.
2 Ke yona inkundla engaphandle uze ungazihluphi ngayo, kuba inikezelwe ezintlangeni. Zona ke ziya kusixusha ngeenyawo isixeko esingcwele isithuba esingangeenyanga ezingamashumi amane anambini.
3 Ngokunjalo ndiya kumisa amangqina amabini, ukuze avakalise udaba. Ngazo zonke ezo ntsuku zilishumi elinambini lamakhulu, mashumi omathandathu, aya kuba enxibe ezirhwexayo zokuzila.”
4 La mangqina ke yiminquma emibini, kunye nezibane ezibini ezimi phambi kweNkosi yehlabathi.
5 Ukuba kukho bani ufuna ukuwenzakalisa, emlonyeni wawo kuya kuphuma umlilo ulutshabalalise olo tshaba. Uya kufa ngolo hlobo ke umntu ofuna ukuwenzakalisa la mangqina.
6 Ewe, aya kuba namagunya okusivala isibhakabhaka ingani imvula ngexesha lokuvakalisa kwawo udaba lukaThixo. Futhi anawo amagunya okuwajika amanzi abe ligazi; ihlabathi liphela aya kuba namagunya okulihlisela izibetho ngezibetho ngokuthanda kwawo.
7 La mangqina aya kuthi akuba egqibile ukuluvakalisa udaba olo, kuphume irhamncwa enzonzobileni. Lona ke liya kulwa nawo liwabulale.