7 La mangqina aya kuthi akuba egqibile ukuluvakalisa udaba olo, kuphume irhamncwa enzonzobileni. Lona ke liya kulwa nawo liwabulale.
8 Imizimba yawo iya kuqungquluza esitalatweni sesixeko esikhulu, apho yaxhonywa khona emnqamlezweni iNkosi yawo. Esi sixeko sifuziselwa yiSodom okanye iJiputa.
9 Imizimba yala mangqina iya kuhlala apho iintsuku ezintathu ezinesiqingatha, baze abantu bezizwe ngezizwe, iintlanga ngeentlanga, neelwimi ngeelwimi, beze kuyibona, bangavumi ukuba ingcwatywe.
10 Ukufa kwaba babini kuya kuba yinto emnandi ebantwini behlabathi. Baya kwenza itheko, banikane izipho. Kaloku la mangqina aya kubangcungcuthekisa abantu behlabathi.
11 Emva kweentsuku ezintathu ezinesiqingatha uThixo wawaphefumlela la mangqina avuka, baza bonke abayibonileyo loo nto barhwaqela.
12 Kwavakala umkhwazo ophuma ezulwini usithi kuwo: “Nyukani nize apha!” Zathi zisabukele iintshaba zawo, anyukela ezulwini ngelifu.
13 Kanye ngawo loo mzuzu kwabakho inyikima eyoyikekayo, saza isahlulo seshumi sesixeko eso satshabalala. Kwafa abantu abangamawaka asixhenxe. Abaseleyo bangenwa lunkwantyo, baza badumisa ubukhulu boThixo osezulwini.