10 Kuvakele ilizwi lidanduluka livela ezulwini lisithi: “Luthwasile ngoku uloyiso negunya nolawulo lukaThixo wethu. Lithwasile ngoku igunya lomthanjiswa wakhe uKrestu. Kaloku umtyholi lo wayesoloko ewamangalela ubusuku nemini amawethu phambi kukaThixo wethu, ukhutshelwe ngaphandle ezulwini.”
11 Bamoyisile ngamandla edini leXhwane nangenyaniso kaThixo ebebekade beyingqinela, bengoyiki ukububeka esichengeni ubomi babo.
12 Memelelani ke ngoko, mazulu kwakunye nabo bahlala khona! Kodwa, hayi ishwangusha elisemhlabeni naselwandle! Kaloku umtyholi uze kuzo egragrama ngumsindo, kuba uyazi ukuba selephelelwe lixesha.
13 Lithe igongqongqo lakuqonda ukuba lilahlelwe emhlabeni, laphuthuma kulaa mfazi wayezele umntwana oyinkwenkwe.
14 Kodwa wayenikwe amaphiko afana nawokhozi umfazi, ukuze abhabhele entlango apho wayeza kugcinakala khona iminyaka emithathu enesiqingatha engenakuhlaselwa ligongqongqo, inyoka endala.
15 Ke lona igongqongqo, inyoka leyo, lahlanza umlambo wamanzi emva komfazi lowo ukuze akhukuliswe.
16 Suka umhlaba wona wamnceda umfazi. Wavuleka, wawaginya loo manzi ayephume kwelo gongqongqo.