13 Lithe igongqongqo lakuqonda ukuba lilahlelwe emhlabeni, laphuthuma kulaa mfazi wayezele umntwana oyinkwenkwe.
14 Kodwa wayenikwe amaphiko afana nawokhozi umfazi, ukuze abhabhele entlango apho wayeza kugcinakala khona iminyaka emithathu enesiqingatha engenakuhlaselwa ligongqongqo, inyoka endala.
15 Ke lona igongqongqo, inyoka leyo, lahlanza umlambo wamanzi emva komfazi lowo ukuze akhukuliswe.
16 Suka umhlaba wona wamnceda umfazi. Wavuleka, wawaginya loo manzi ayephume kwelo gongqongqo.
17 Lamxhiba umfazi, lahamba laya kusikhuphela kwinzala yakhe eso sixhiba, engabo bonke abo bathobela imithetho kaThixo, bebambelele kwiimfundiso zikaYesu.
18 Lafana lee nkamalala apho elunxwemeni igongqongqo.