3 Kuvele omnye umqondiso esibhakabhakeni. Kuthe gqi igongqongqo elibomvu krwe. Lalineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi; linezithsaba ezisixhenxe kwezo ntloko.
4 Umsila walo wavuthulula isiqingatha sesithathu seenkwenkwezi, waziwisela phantsi emhlabeni. Igongqongqo lema ngaphambi kwalo mfazi wayeza kubeleka, ukuze luluthi bimbilili usana olo xa luvelayo.
5 Umfazi lowo wazala umntwana oyinkwenkwe, owayemiselwe ukuzilawula ngegunya elingqongqo zonke iintlanga. Kodwa olo sana lwathiwa xhwi lwasiwa ewongeni kuThixo ohleli kwibhotwe lakhe.
6 Umfazi yena wabalekela entlango apho wayelungiselelwe indawo khona nguThixo. Wahlala apho egcinakele amakhulu alishumi elinambini namashumi amathandathu eentsuku.
7 Kwabakho idabi ezulwini. UMikayeli nezithunywa zakhe balihlasela igongqongqo. Lazilwela nalo kunye nezithunywa zalo.
8 Kodwa loyiswa, laza laphelelwa yindawo ezulwini.
9 Ke igongqongqo – inyoka endala eyakhohlisa uluntu luphela, uSathana, umtyholi – laphoswa ezantsi emhlabeni kunye nezithunywa zalo.