10 Esesihlanu isithunywa sasichitha phezu kwesihlalo serhamncwa isitya saso. Kwaba mnyama tsiki kuloo mmandla wolawulo lwerhamncwa. Babengcungcutheka abantu ziintuthumbo.
11 Kodwa uThixo wezulu babemqalekisa ngenxa yezilonda neengqaqambo, bengaguquki kwiindlela zabo ezigwenxa.
12 Isithunywa sesithandathu sasichitha phezu komlambo omkhulu iEfrati isitya saso. Watsha umlambo, kwavuleka indlela yeekumkani ezivela empumalanga.
13 Ndabona iindimoni ezintathu ezazingathi ngamasele. Zaphuma emlonyeni wegongqongqo, nowerhamcwa, nakowomshumayeli oxokayo.
14 Yayiziindimoni ezinamandla okwenza imilingo. Zazithunywe ukuya kuqokelela edabini zonke iikumkani zelizwe ngaloo mini inkulu kaThixo uSomandla.
15 “Uyabona ke, ngaloo mini ndiya kuza njengesela. Unoyolo ke lowo uhlala elindile, engazikhululi izambatho zakhe, ukuze angahambi ze, ahlazeke ebantwini.”
16 Iindimoni zaziqokelela ndawonye iikumkani, kwindawo ekuthiwa yiArmagedon ngesiHebhere.