1 Esinye sezithunywa ezisixhenxe ezaziphethe izitya ezisixhenxe seza kum, sathi: “Yiza, ndiza kukubonisa ukugwetywa kwehenyukazi elimi phezu kwemilambo.
2 Kaloku izikumkani zehlabathi zirheletya nalo. Ewe, ihlabathi liphela lithe thwanga kukurheletya nalo.”
3 Ke kaloku ndaba semandleni kaMoya, saza isithunywa eso sandisa entlango. Apho ke ndabona umfazi ekhwele phezu kwerhamncwa elibomvu elalinemibhalo emanyumnyezi. Lalineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi.
4 Umfazi lowo wayevathe ezimfusa nezibomvu, eyokozela ngamaso egolide, intsimbi, namatye exabiso. Ngesandla wayephethe indebe yegolide eyayizele uluchwe lokungcola nokurheletya kwakhe.
5 Ebunzi kwakubhalwe igama elingaziwa mntu: “UBhabheli, unina wamahenyukazi, nazo zonke iintlondi zehlabathi.”
6 Lo mfazi ndambonayo wayenxile ligazi losapho lukaThixo, ngokunjalo negazi labo babengqina ngoYesu.Ndithe ndakumbona ndamangaliswa, kodwa isithunywa eso sabuza sathi: