11 Ke lona irhamncwa, elo lalikhe lakho lingasekhoyo ngoku, lingowesibhozo – nakuba lingomnye wabasixhenxe nje – futhi liza kutshabalala.
12 “Zona iimpondo ezilishumi ozibonileyo, ngookumkani abalishumi abangekaqali ukulawula. Kambe ke baya kwabelana ngolawulo kunye nerhamncwa okwethutyana nje.
13 Kaloku boshumi injongo yabo iyafana: kukunikezela ulawulo kwirhamncwa.
14 Baya kulwa neXhwane, kodwa liboyise. Kaloku lona liyiNkosi yamakhosi, iKumkani yeekumkani. Abalandeli balo baya kuba nenxaxheba kolo loyiso lwalo. Ewe, nditsho abanyulwa ababiziweyo nabathembekileyo.”
15 Isithunywa saqhuba sathi: “Amanzi emilambo lawo uwabonileyo, apho limi khona ihenyukazi, luluntu, iintlanga, izizwe, neelwimi ngeelwimi.
16 Iimpondo ezilishumi ozibonileyo kunye nerhamncwa zosuka zilithiye ihenyukazi. Ziya kulihluba libe ze, zilishiye lingumpha ochutyiweyo; ewe, ziya kulitya inyama, zijike zilitshise libe luthuthu.
17 Kaloku uThixo ukunikele kuzo ukufezekiswa kwecebo lakhe. Ziya kuvana, amagunya azo ziwanike irhamncwa, ade afezekiswe amazwi kaThixo.