12 Igolide, isiliva, amatye exabiso, nentsimbi; imichako yelinen, eyamalaphu amfusa, isilika, kunye nemichako ebomvu; imithi evumba limnandi, amazinyo endlovu, nazo zonke izinto ezenziwe ngemithi eyomeleleyo; ubhedu, intsimbi, nemabhile;
13 iziqholo zokutya, iziqhumiso, iziqholo zomzimba, intlaka emhlophe; iwayini namafutha, iflawa nengqolowa, iinkomo neegusha, amahashe neenqwelo, amakhoboka nobomi babantu; ewe, zonke ezi ntlobo-ntlobo zoba zingasenamthengi.
14 Abantu baya kuphoxisa bathi: ‘Zonke izinto ezintle owawuzilangazelela ziphel' emehlweni; kanti nobutyebi nobuyokoyoko bakho bubhangile; futhi awusoze uphinde ubufumane!’
15 Oosomashishini abafumana ubutyebi beshishina kwesi sixeko baya kuhambela mgama bebindekile ngenxa yokungcungcutheka kwaso. Baya kungqukruleka beselusizini,
16 bathi: ‘Heyi, kunyembelekile kwesi sixekokazi! Kaloku sona sasivethe ezelinen ecikiziweyo, ezimfusa nezibomvu; sasiyokozela yigolide, amatye exabiso nentsimbi!
17 Engaka yona ilahleko yobutyebi ngomzuzwana nje!’“Abaphathi-nqanawa noomatiloshe, nabahamba ngolwandle, nabo bonke abaphila lulwandle, bahambela phaya,
18 bekhuza kukubona umsi womlilo ositshisayo, besithi: ‘Sakhe sakho phi na isixeko esifana nesi sixekokazi?’