6 Mbuyiseleni kwaizitya zakhe! Mbuyekezeni ngokuphindiweyo ngezenzo zakhe! Isikhuni masibuye nomkhwezeli!
7 Iinzingo nokungcungcutheka kwakhe mazifane nodumo nozuko ebekade ekulo. Kaloku uthi xa ezithuthuzela: ‘Ndiyikumkanikazi, kukhonya mna! Soze ndigixe, andingomhlolokazi!’
8 Ngenxa yale nto ke, uya kuhlelwa zizibetho ngamini-nye: izifo, iinzingo, nendlala. Uya kutshiswa ngumlilo. Kaloku uThixo omgwebayo unamandla.
9 “Ookumkani behlabathi ababerheletya naye, bexhamla intlala-kahle kunye naye, baya kukhala bakuwubona umsi womlilo omtshisayo.
10 Baya kuhambela phaya bebindekile ngenxa yokungcungcutheka kwakhe. Baya kukhuza bathi: ‘Awu, kunyembelekile! Hayi kambe, sixekokazi singuBhabheli! Ngomzuzwana nje usuke wee shwaka!’
11 “Nditsho noosomashishini beli hlabathi baya kungqukruleka beselusizini ngenxa yakhe. Kaloku koba kungasekho bani uyithengayo imithwalo yorhwebo lwabo.
12 Igolide, isiliva, amatye exabiso, nentsimbi; imichako yelinen, eyamalaphu amfusa, isilika, kunye nemichako ebomvu; imithi evumba limnandi, amazinyo endlovu, nazo zonke izinto ezenziwe ngemithi eyomeleleyo; ubhedu, intsimbi, nemabhile;