18 “Bhalela ummeli webandla laseTiyatire, uthi: ‘Nalu udaba oluvela kuNyana kaThixo, yena unamehlo alenya ngathi ngamadangatye omlilo, onyawo zimenyezela ngathi lubhedu olugudisiweyo.
19 Ndiyasazi isimo sakho: unothando; uthembekile, ukhuthele, unomonde. Futhi ndiyaqonda ukuba ngoku uthath' unyawo kunakuqala.
20 Kambe ke ndinendawo ngakuwe: Kaloku awumchasi uJezebhele, intokazi ethi *ingumshumayeli. Ngemfundiso yakhe izicaka zam uziwexulela ekurheletyeni nasekutyeni ukutya okwenzelwe izithixo.
21 Nakuba ndimnikile ithuba lokuguquka ezonweni zakhe, akazimiselanga ukwahlukana nokurheletya.
22 Ngoku ke ndiya kumphosa emandlalweni apho aya kuthi yena kunye nabo arheletya nabo bangcungcutheke. Le nto ndiza kuyenza; ngaphandle kokuba bangaguquka kule nkohlakalo bayenza kunye naye.
23 Ndiya kubabulala abalandeli bakhe. Onke amabandla aya kuqonda ukuba mna ndiyazazi iingcinga neenjongo zabantu. Umntu ngamnye ndiya kumamkelisa ngokwezenzo zakhe.
24 “ ‘Kodwa ke abanye benu apha eTiyatire khange bayingene le mfundiso. Aninamava ngale nto abanye bathi yimfihlelo kaSathana. Nina andiyi kunibeka xanduva lumbi.