20 Kambe ke ndinendawo ngakuwe: Kaloku awumchasi uJezebhele, intokazi ethi *ingumshumayeli. Ngemfundiso yakhe izicaka zam uziwexulela ekurheletyeni nasekutyeni ukutya okwenzelwe izithixo.
21 Nakuba ndimnikile ithuba lokuguquka ezonweni zakhe, akazimiselanga ukwahlukana nokurheletya.
22 Ngoku ke ndiya kumphosa emandlalweni apho aya kuthi yena kunye nabo arheletya nabo bangcungcutheke. Le nto ndiza kuyenza; ngaphandle kokuba bangaguquka kule nkohlakalo bayenza kunye naye.
23 Ndiya kubabulala abalandeli bakhe. Onke amabandla aya kuqonda ukuba mna ndiyazazi iingcinga neenjongo zabantu. Umntu ngamnye ndiya kumamkelisa ngokwezenzo zakhe.
24 “ ‘Kodwa ke abanye benu apha eTiyatire khange bayingene le mfundiso. Aninamava ngale nto abanye bathi yimfihlelo kaSathana. Nina andiyi kunibeka xanduva lumbi.
25 Kambe ke namathelani kuloo nto ninayo ndide ndifike.
26 Lowo woyisileyo, ewe, onyamezeleyo ekwenzeni ukuthanda kwam kwada kwasesiphelweni, ndiya kumnika amagunya phezu kwezizwe.