4 Kodwa ke nantsi indawo ngakuwe: Akusandithandi njengoko wawundithanda ekuqaleni.
5 Khawukhumbule indlela owawa bhaxa ngayo. Yahlukana nezono; qhuba ngendlela obuhamba ngayo ekuqaleni. Ukuba akuguquki, ndiya kuza ndisisuse isibane sakho endaweni yaso.
6 Kambe ke nantsi indawo ekuthethelelayo: Imikhwa yamaNikolawo uyithiyile kanye njengam.
7 “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!“ ‘Lowo woyisileyo ndomnika ilungelo lokutya kumthi wobomi osemyezweni kaThixo. ’ ”
8 “Bhalela ummeli webandla laseSmirna, uthi: ‘Nanga amazwi alowo ungowokuqala ukwangowokugqibela, owayefile wabuya wavuka:
9 Ndiyayazi indlela ebenicinezeleke ngayo, nihlwempuzekile. Kodwa nizizityebi phezu koko. Ndiyayazi indlela ebenenyeliswa ngayo ngabo bazenza amaJuda – baligquba likaSathana!
10 Nize ningayoyiki intshutshiso ezayo. Abanye benu umtyholi uza kubaphosa entolongweni, enivavanya. Nophatheka nzima iintsuku ezilishumi. Nize ninyaniseke kude kuse ekufeni. Ndonithwesa imbasa yobomi.