Isityhilelo 20:4 XHO96

4 Emva koko ndabona izihlalo. Ndabona kuhlala kuzo abo babenikwe igunya lokugweba. Ndababona nâbo babenqunyulwe iintloko ngenxa yokuba ngamangqina kaYesu nangenxa yokushumayela ilizwi likaThixo. Ndababona nabo bangavumanga ukulinqula irhamncwa okanye umfanekiso walo, kwanabo bangavumanga ukuphawulwa kumabunzi okanye esandleni ngophawu lwerhamncwa. Bavuka ekufeni, balawula kunye noKrestu iminyaka eliwaka.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 20

imbono Isityhilelo 20:4 kwimeko