4 Uya kubosula zonke iinyembezi. Akusayi kubuye kubekho kufa, nalusizi, nasikhalo, nazintlungu. Kaloku lidlule ilizwe lokuqala.”
5 Ke lowo uhleli esihlalweni sokulawula wathi: “Ngoku yonke indalo ndiyenza ntsha.” Ubuye wathi: “Bhala kaloku! La mazwi ndiwathethayo athembekile, ayinyaniso.”
6 Wabuya wathi: “Sekwenzekile. Ndim u-A kwano-Z, ndim isiqalo nesiphelo. Nabani na onxaniweyo ndomnika ngesisa amanzi aphuma emthonjeni odlisa ubomi.
7 Lowo woyisayo wozixhamla zibe lilifa lakhe ezi zinto. Mna ndoba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam.
8 Kodwa ilifa lamagwala, abangakholwayo, izingcoli, izigwinta, abarheletyi, amagqwirha, abanquli-zithixo, nawo onke amaxoki, loba kukufa kwesibini kwidike lomlilo ovutha yisalfa.”
9 Kusuke esinye sezithunywa ezisixhenxe ezaziphethe izitya ezisixhenxe zezibetho zokugqibela sathi kum: “Yiza ngapha ndikubonise umtshakazi walo iXhwane.”
10 Sandithatha ndisemandleni kaMoya, sandisa encotsheni yentabakazi enkulu. Sandibonisa iJerusalem, isiXeko esiNgcwele, isihla ivela kuThixo ezulwini.