7 Lowo woyisayo wozixhamla zibe lilifa lakhe ezi zinto. Mna ndoba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam.
8 Kodwa ilifa lamagwala, abangakholwayo, izingcoli, izigwinta, abarheletyi, amagqwirha, abanquli-zithixo, nawo onke amaxoki, loba kukufa kwesibini kwidike lomlilo ovutha yisalfa.”
9 Kusuke esinye sezithunywa ezisixhenxe ezaziphethe izitya ezisixhenxe zezibetho zokugqibela sathi kum: “Yiza ngapha ndikubonise umtshakazi walo iXhwane.”
10 Sandithatha ndisemandleni kaMoya, sandisa encotsheni yentabakazi enkulu. Sandibonisa iJerusalem, isiXeko esiNgcwele, isihla ivela kuThixo ezulwini.
11 Yayiqaqambile bubuqaqawuli bukaThixo, ibengezela okwelitye lexabiso elicwenge okwedayimani.
12 Yayineendonga eziphakamileyo kakhulu, inamasango alishumi elinambini. Kwisango ngalinye kwakukho isithunywa. Phezu kwamasango kwakubhalwe amagama ezizwe ezilishumi elinambini zakwaSirayeli.
13 Ngasempumalanga kwakukho amasango amathathu, emathathu emntla, emathathu emzantsi, nangasentshonalanga.