6 Kananjalo sathi kum: “La mazwi ayinyaniso, athembekile. INkosi uThixo obaxhobisayo ngefuthe loMoya abavakalisi belizwi, wathumela isithunywa sakhe ukuze sibonise izicaka zakhe izinto eziza kwenzeka kamsinya.”
7 “Uyabona ke, ndiyeza ngokukhawuleza! Unoyolo umntu owathobelayo amazwi odaba lwale ncwadi!”
8 Ndim mna Yohane ozivileyo wazibona ezi zinto. Ndakuba ndizivile ndazibona ezi zinto, ndawa ezinyaweni zesithunywa eso sandibonisayo, ndikhahlela.
9 Kodwa sakhalima sathi: “Hayi bo! Sukwenjenjalo; kaloku nam ndisisicaka njengawe, ugxa wakho namawenu abavakalisi belizwi, nabo bonke abawathobelayo amazwi akule ncwadi. NguThixo ofanele ukumnqula wena.”
10 Saqhuba sathi: “Uze ungawafihli amazwi ale ncwadi; kaloku ithuba lokuzalisekiswa kwawo lisemnyango.
11 Ke yena umenzi wobubi makaqhubele phambili, ngokunjalo nongcolileyo makaqhubele phambili; nalowo ulungisayo makathathe unyawo, kanti ke nonyulu makahlale enjalo.
12 “Ewe, ndiyeza kamsinya! Ulowo nalowo ndiya kumphathela ibhaso ngokwemisebenzi yakhe!