9 Kodwa sakhalima sathi: “Hayi bo! Sukwenjenjalo; kaloku nam ndisisicaka njengawe, ugxa wakho namawenu abavakalisi belizwi, nabo bonke abawathobelayo amazwi akule ncwadi. NguThixo ofanele ukumnqula wena.”
10 Saqhuba sathi: “Uze ungawafihli amazwi ale ncwadi; kaloku ithuba lokuzalisekiswa kwawo lisemnyango.
11 Ke yena umenzi wobubi makaqhubele phambili, ngokunjalo nongcolileyo makaqhubele phambili; nalowo ulungisayo makathathe unyawo, kanti ke nonyulu makahlale enjalo.
12 “Ewe, ndiyeza kamsinya! Ulowo nalowo ndiya kumphathela ibhaso ngokwemisebenzi yakhe!
13 Kaloku ndingu-A, ndikwangu-Z; ndingowokuqala, ndikwangowokugqibela, ndikwasisiqalo nesiphelo.”
14 Banoyolo abo bazabalazela ukuba bahlale benyulu! Baya kuba nelungelo kuwo umthi wobomi; baya kungena ngamasango esixekweni.
15 Kambe ke ngaphandle zizinja, namagqwirha, abarheletyi, izigwinta, abanqula *izithixo, nabo bonke abathe phithi kukuxoka.