1 “Bhalela ummeli webandla laseSardes, uthi: ‘Nanga amazwi avela kulowo uphethe ooMoya abasixhenxe bakaThixo, neenkwenkwezi ezisixhenxe: Ndiyazazi iindlela zakho. Ndiyazi ukuba nakuba udume ngokuphila nje, ufile kodwa.
2 Vuka, uhlaziye loo ntlantsana isahleliyo, hleze ife nayo! Akukho namnye umsebenzi wakho endiwufumene ugqibekile phambi kukaThixo.
3 Ngoko ke khumbula iimfundiso ozifumeneyo; zilandele, uguquke. Ukuba akuvuki, ndofika njengesela – akuyi kwazi nokuba bendifike nini na.
4 Phofu unabantu abambalwa eSardes abangazingcolisanga bona izambatho zabo. Bohamba bevathe ezimhlophe kunye nam, yaye ibafanele loo nto.