1 “Bhalela ummeli webandla laseSardes, uthi: ‘Nanga amazwi avela kulowo uphethe ooMoya abasixhenxe bakaThixo, neenkwenkwezi ezisixhenxe: Ndiyazazi iindlela zakho. Ndiyazi ukuba nakuba udume ngokuphila nje, ufile kodwa.
2 Vuka, uhlaziye loo ntlantsana isahleliyo, hleze ife nayo! Akukho namnye umsebenzi wakho endiwufumene ugqibekile phambi kukaThixo.
3 Ngoko ke khumbula iimfundiso ozifumeneyo; zilandele, uguquke. Ukuba akuvuki, ndofika njengesela – akuyi kwazi nokuba bendifike nini na.
4 Phofu unabantu abambalwa eSardes abangazingcolisanga bona izambatho zabo. Bohamba bevathe ezimhlophe kunye nam, yaye ibafanele loo nto.
5 Lowo woyisileyo wovatha ezimhlophe. Andisoze ndilicime igama lakhe kuludwe lwamagama abo baphilayo. Kaloku ndiya kumvuma ukuba ungowam phambi kukaBawo nezithunywa zakhe.
6 “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!’ ”
7 “Bhalela ummeli webandla laseFiladelfiya, uthi: ‘Nanga amazwi avela kulowo uyingcwele, ungowenene, uphethe izitshixo zakwaDavide; lowo uthi akuvula kungavali bani, athi akuvala kungavuli mntu.